
I-Te Kahu · eNew Zealand
I-Te Kahu · eNew Zealand
Yonke indlu yindawo ekuyiwa kuyo
I-Airbnb Luxe ibonelela ngamakhaya acocekileyo, ayilwe ngobuchule nanezinto onokuzisebenzisa zobunewunewu, iinkonzo kunye nomcebi wohambo ozinikeleyo.
Awona makhaya odidi oluphezulu emhlabeni wonke
Ukususela kwiifama zezidiliya kumaphandle zaseTuscan ukuya kwizindlu ezinendawo yokuphola e-Bali, onke amakhaya e-Airbnb Luxe, aye achongwa ngocoselelo ukuze kuqinisekiswe ayeyona ndawo ilungileyo yokufikela.
Yenziwe ngobuchule
Amakhaya ahonjiswe ngaphakathi ngendlela ethi ndijonge.
Izinto zikanokutsho onokuzisebenzisa
Inayo yonke into oza kuyidinga, ithe gabalala ibe uyakwazi ukwenza izinto zakho.
Ukuhlolwa Okunamanqaku ayi-300 nangaphezulu
Indlu nganye iyaqinisekiswa ukuba ikumgangatho ophezulu yaye inyamekelwa ngendlela esemagqabini.
Uhambo oluyilelwe wena
Xa ubhukisha nge-Airbnb Luxe, udityaniswa nomcebi wohambo ojongene nawe, oza kuqulunqa uhambo lwakho olusemagqabini, ukuya kutsho ekukufuneleni itafile kwivenkile yokutyela enezinga elibekwe ngokwemigangatho ye-Michelin.
Uhambo olwenzelwe wena
Umcebi wohambo lwakho angakulungiselela yonke into aze aqiniseke ukuba yonke into ihamba kakuhle.
Ukufika ngaphandle kwamagingxigingxi
Ukulandwa ngumntu kwisikhululo seenqwelo moya, ukwamkelwa ngumntu xa ufika, kunye nendawo enezinto zonke ozifunayo.
Iinkonzo ezilungiselwe wena
Ukusuka kubapheki abaphekela wena ukuya kubantu abakuphulula izihlunu, iqela leengcali zasekuhlaleni likugcina uhoyiwe.